Ezekiel 6:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, nxa ababuleweyo babo baya kuba pakati kwezitixwana zabo, ngokungqonga izibingelo zazo, pezu kwazo zonke induli ezinde, kuzo zonke intloko zentaba, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza, nangapantsi kwayo yonke imikoba ebungqingqwa, indawo apo babenikela kona ivumba elimnandi kuzo zonke izitixwana zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Niya kwazi ukuba ndinguYehova, bakuba ababuleweyo benu bephakathi kwezigodo zenu ngeenxa zonke ezibingelelweni zenu, ezindulini zonke eziphakamileyo, ezincotsheni zonke zeentaba, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, naphantsi kwemiterebhinti ethe shinyi, ezindaweni ababenikela kuzo ivumba elithozamisayo kwizigodo zabo zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Niya kwazi ukuba ndinguYehova, bakuba ababuleweyo babo bephakathi kwezigodo zabo ngeenxa zonke ezibingelelweni zabo, ezindulini zonke ezinde, ezincotsheni zonke zeentaba, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, naphantsi kwemioki yonke ethe shinyi, ababekuyo iintanda zayiqhola ivumba elithozamisayo kuzo zonke izithixo zazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo xa bebona izidumbu zâbo bafe ngekrele zidunduluze phakathi kwezithixo namaqonga abo, nakuzo zonke iinduli eziphakamileyo, nasezincotsheni zeentaba, naphantsi kwemithi nemioki – apho babesenzela izithixo zabo iziqhumiso ezivumba limnandi.