Ezekiel 7:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ixesha lifikile, imini isondele: umtengi makangavuyi, nomtengisi makangalili; ngokuba umsindo oshushu upezu kwaso sonke isihlwele salo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lifikile ixesha, isondele imini; othengayo makangavuyi, othengisayo makangenzi sijwili; ngokuba ukuvutha komsindo kuyayizela yonke ingxokolo yakhona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lifikile ilixa, isondele imini; othengayo makangavuyi, nothengisayo makangalili; ngokuba ukuvutha komsindo kuyayizela ingxokolo yakhe yonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ixesha lixheshile; imini ifikile! Phantsi imincili kumthengi, umthengisi angabi lusizi, kuba ingqumbo isifikele isihlwele.