Ezekiel 7:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bavutele ngexilongo, nako konke bakulungiselele; kodwa akuko namnye oya ekulweni; ngokuba umsindo wam oshushu upezu kwaso sonke isihlwele salo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bavuthela isigodlo, balungisa konke; kodwa akukho namnye oya ekulweni; ngokuba ubushushu bam buyizele ingxokolo yabo yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bavuthela isigodlo, balungisa yonke into; kodwa akukho namnye uya kulwa, ngokuba umsindo wam ukuyo yonke ingxokolo yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bangade balivuthele ixilongo, baxhobe bafe amacala, kodwa akukho namnye oya kulilwa idabi, kuba ingqumbo yam iphezu kwesihlwele siphela.