Ezekiel 7:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo baya kubinqa ngentlakantlaka, nengcangcazelo yobagubungela; kwobako intloni pezu kwobuso bonke, nobunqai pezu kwazo zonke intloko zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
babhinqe ezirhwexayo, bagutyungelwe kukududuzela, ebusweni bonke ibe kukudana, iintloko zabo zonke zibe ziinkqayi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bazibhinqise ngamarhonya, babhinqe iintlungu; yaye ebusweni babo bonke kuya kubakho ihlazo, neentloko zabo zonke zibe ziinkqayi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kunxiba amarhonya, bagubhe kukoyika. Baya kuba manyonywana, bazixhwithe iinwele zabo.