Ezekiel 7:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ilishwa liya kuza pezu kwelishwa, neṙeto liya kuba pezu kweṙeto, babeya kufuna umboniso kumprofite; kodwa umteto uya kububa kumperisite, necebo kubadala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuza umeyeliselo phezu komeyeliselo, kubekho udaba phezu kodaba, bafune umbono kumprofeti, ke umyalelo utshabalale ungabikho kumbingeleli, neqhinga kumadoda amakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kufike ububi phezu kobubi, kubekho udaba phezu kodaba; baya kubufuna apho ubuso bomprofeti; ke wona umthetho uya kutshabalala kumbingeleli, nakwintlanganiso yamadoda amakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yoba yintlekele emva kwenye, ibe ngamavuso ngamavuso. Baya kufuna isikhokelo *kumshumayeli; ibe ingasavakali ndawo imfundiso-mthetho yombingeleli, amacebiso amadoda amakhulu anyamalale.