Ezekiel 7:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukumkani uya kulila, nenkosana iya kwambata ukuti nqa, nezandla zabantu belizwe ziya kutuswa: njengendlela yabo ndiya kwenza kubo, nangemigwebo yabo ndiya kugweba bona; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani uya kwenza isijwili, nesikhulu sambathe ummangaliso, ziyekelele izandla zabantu belizwe eli. Ndiya kwenza kubo ngokwendlela yabo, ndibagwebe ngokwezigwebo zabo;bazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uya kulila, nesikhulu sibe senkangala, ziyekelele izandla zabantu belizwe eli; zazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Iya kuzila ikumkani, itshawe lincame mpela, ziwe phantsi izandla zabemi belizwe. Ndiya kubangcamlisa iindlela zabo; ewe, ndibohlwaye ngomgangatho wabo. Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo.”