Ezekiel 7:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Iliso lam aliyi kuba nosizi ngakuwe, andiyi kuba nenceba kanjalo; koko imikwa yako ndiya kuyibeka pezu kwako, nezinto zako ezibuntshontsho zoba pakati kwako; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kukuzisela iindlela zakho, abe sesazulwini sakho amasikizi akho; nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kuzibuyisela phezu kwakho iindlela zakho, abe phakathi kwakho amasikizi akho; nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andiyi kuba naluvelwano, ndingayi kuba nayo nenceba, koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho, uchanwe ngamanyundululu akho. Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.