Ezekiel 7:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Iliso lam aliyi kuba nosizi, andiyi kuba nenceba kanjalo; njengokwemikwa yako ndiya kubeka pezu kwako, nezinto zako ezibuntshontsho zoba pakati kwako; naniya kukwazi ukuba ndim Yehova obetayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kuwabeka phezu kwakho ngokweendlela zakho amasikizi akho phakathi kwakho; nazi ukuba mna Yehova ndingobethayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aliyi kuba nanceba iliso lam, ndingabi nanceba; ke ndiya kuwabeka phezu kwakho ngokweendlela zakho, nangamasikizi akho phakathi kwakho; nazi ukuba ndinguYehova owohlwayayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andiyi kuba naluvelwano, ndingayi kuba nayo nenceba, koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho, uchanwe ngamanyundululu akho. Uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo ogqebhayo.