Ezekiel 8:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kum: Ubonile na, nyana woluntu! Yinto elula na kwindlu ka‐Juda ukuba kwenziwe izinto ezibuntshontsho abazenzayo apa? ngokuba bezalisile ilizwe ngobudlwengu, bebuyile ukundiqumbisa kanjalo; ewe, bona ke, bayabeka isebe empumlweni yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Kuncinane na kwindlu kaYuda ukuwenza la masikizi bawenzayo apha, ukuba ke balizalise ilizwe nangogonyamelo, babuye bandiqumbise? Nabo, besisa isebe lomdiliya emathatheni abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Yinto encinane na kwindlu kaYuda, ukwenza amasikizi akwenzayo khona? kuba balizalisa ilizwe ngogonyamelo baza babuya bandicekisa; nanzo zigalela iqhina empumlweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ithe kum: “Ukubonile oku, mntundini? Ngathi indlu kaJuda ayanelanga ngala manyundululu iwenzayo, ngoku izalise ilizwe lonke ngogonyamelo, indixhokonxa ngakumbi ukuze ndibe nomsindo. Babone ke aba bantu: nâbo bewangawangisa ngamasebe omdiliya ngasezimpumlweni zabo!