Ezekiel 8:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesolula imfano yesandla, wandibamba ngesihlwita sentloko yam; waye umoya wandifunqula pakati kwomhlaba nezulu, wandizisa e‐Yerusaleme, emibonisweni katixo, elucangweni lwesango lapakati elibeka ngasenode, apo ibikona indawo yokuhlala yomfanekiso wobukwele, ovusayo ubukwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wolula into emilise okwesandla, wandibamba ngesihlwitha sentloko yam; umoya wandifunqula ndaba phakathi komhlaba nezulu. Wandisa eYerusalem ngemibono kaThixo, ekungeneni kwesango lentendelezo ephakathi, elibheke ngasentla, apho bekuhleli khona umfanekiso wobukhwele okhweletisayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathabatha isandla, wandibamba ngentamo yentloko yam; uMoya wandithabatha phakathi komhlaba nezulu, wandizisa phambi kobuso bukaThixo eYerusalem, ekungeneni kwesango eliphakathi, elibheke ngasentla; apho kwakukho isihlalo somfanekiso wekhwele, elizala ikhwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yolula loo nto yayingathi sisandla, yandithi hlasi ngesihlwitha. UMoya wanditsho ndaphakathi komhlaba nezulu, ndaza ngokombono kaThixo ndasiwa eJerusalem kwisango elingentla yeyona nkundla iphakathi apho kwakumi *isithixo esasixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo.