Ezekiel 8:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kum: Nyana woluntu! pakamisa ke amehlo ako ngasendleleni yasenode: ndaza ndapakamisa amehlo am ngasendleleni yasenode; kekaloku nanguya ngasenode, esangweni lesibingelo, lomfanekiso wobukwele emnyango.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kum, Nyana womntu, khawuphakamise amehlo akho, ukhangele ngasentla. Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela ngasentla: nanko ngasentla kwesango lesibingelelo kukho loo mfanekiso wobukhwele usekungeneni kwalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kum, Nyana womntu, phakamisela amehlo akho ngasentla. Ndawaphosa amehlo am kwindlela esinga entla, ndabheka ngasentla kwesango lesibingelelo, kukho lo mfanekiso usemantla emnyango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
INkosi yathi kum: “Mntundini, khangela ngasentla.” Ndaza ndajonga, ndabona isithixo esixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo simi kufuphi neqonga lamadini ngakwisango langentla.