Ezekiel 8:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela wati kum: Nyana woluntu! uyabona na oko bakwenzayo, intshontsho ezinkulu indlu ka‐Sirayeli izenzayo apa, ukuba ndimke kude endaweni yam eyingcwele? kodwa buya ujike, wauya kubona intshontsho ezinkulu kwezi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kum, Nyana womntu, uyakubona na abakwenzayo?Ngamasikizi amakhulu la, iwenzayo apha indlu kaSirayeli, ukuze ndikhwelele kude nengcwele yam; usaya kubuya ubone amasikizi amakhulu kunala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kum, Nyana womntu, uyakubona na abakwenzayo? Ngawaphi na la masikizi amakhulu, le iwenzayo apha indlu kaSirayeli, ukuze ndide ndimke engcweleni yam? kodwa guqukani kwakhona, kwaye niya kubona iinyikima ezinkulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
INkosi yathi kum: “Mntundini, uyayibona into abayenzayo – intlondi eyenziwa yindlu kaSirayeli apha, izinto eziza kundigxotha kwisibingelelo sam esisodwa? Kanti ke useza kubona nawona manyundululu.”