Ezekiel 9:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati uyehova kuyo: Canda pakati kwesixeko, pakati kwe‐Yerusaleme, ubeke upau pezu kwamabunzi alomadoda agulayo nabefunyekayo pezu kwazo zonke izinto ezibuntshontsho ezenzwayo pakati kwaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuyo, Canda esazulwini somzi, esazulwini seYerusalem, ubeke uphawu emabunzini amadoda agcunayo, ancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo esazulwini sayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuyo, Yiya esazulwini somzi, esazulwini seYerusalem, ubeke uphawu emabunzini abantu abancwinayo, abakhalayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo phakathi kwayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi: “Tyhutyha isixeko saseJerusalem, ubaphawule ebunzi abo bawanyanyayo amanyundululu enziwa khona.”