Ezekiel 9:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kuwo: Nco̔lisani indlu, nizalise amabala ngabahlatyiweyo; pumani. Aza apuma, abulala esixekweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke kuwo, Yenzeni inqambi indlu le, nizizalise iintendelezo ngababuleweyo; phumani niye. Aphuma ke abulala kuwo umzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke kubo, Yenzeni inqambi indlu le, niwazalise amasimi ngababuleweyo; phuma Baphuma ke, babulala kuwo umzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakhona uthe kubo: “Yigqwaliseni indlu kaThixo, iinkundla zizale zizidumbu. Hambani!” Baza ke bahamba betyakatya bebulala esixekweni apho.