Ezra 1:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho u‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya ukuti: Bonke ubukumkani bomhlaba ndibunikiwe nguyehova, utixo wezulu; kanjalo yena undiyalezele ukumakela indlu e‐Yerusaleme, ekwa‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi, ukuthi, Zonke izikumkani zehlabathi uzinike mna uYehova, uThixo wamazulu. Yena undiyalele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem, ekwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uKoreshi, ukumkani wasePersi, uYehova, uThixo wamazulu, undinike zonke izikumkani zehlabathi; wandiwisela umthetho wokuba ndimakhele indlu eYerusalem, ezweni lakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Utsho uKoreshi, ukumkani wasePeshiya, ukuthi: ‘UNdikhoyo uThixo wezulu uzinikele kum zonke izikumkani zehlabathi, kananjalo undimisele ukuba ndimakhele indlu eJerusalem kwelakwaJuda.