Ezra 1:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina pakati kwenu ovumayo kubo bonke abantu bake? utixo wake makabe naye, enyuke aye e‐Yerusaleme, ekwa‐Juda, ayake indlu kayehova, utixo wo‐Sirayeli, (nguye lo utixo,) ese‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubani ophakathi kwenu, ebantwini bakhe bonke, uThixo wakhe makabe naye, anyuke aye eYerusalem ekwaYuda, ayakhe indlu kaYehova, uThixo kaSirayeli (nguye uThixo), eseYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na phakathi kwenu ebantwini bakhe bonke? Ngamana uThixo wakhe waba naye, anyuke aye eYerusalem ekwaYuda, ayakhe indlu kaYehova, uThixo kaSirayeli, eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke, nabani phakathi kwenu nonke ongowabantu bakhe, ngamana uThixo wakhe waba naye, anduluke aye eJerusalem kwelakwaJuda, ayakhe indlu kaNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, uThixo oseJerusalem.