Ezra 1:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula besuka abazintloko zendlu zoyise zo‐Juda no‐Benjamine, nabaperisite, naba‐Levi, kunye nabo bonke abevusile utixo umoya wabo, ukuba benyuke baye ukuyaka indlu kayehova ese‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zesuka ke iintloko zezindlu zooyise zakwaYuda, nezakwaBhenjamin, nezababingeleli, nezabaLevi, bonke abo uThixo wawuxhokonxayo umoya wabo, ukuba banyuke, baye kuyakha indlu kaYehova eseYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zenyuka ke iintloko zezindlu zooyise zakwaYuda, nezakwaBhenjamin, nababingeleli, nabaLevi, nabo bonke abo uThixo wawuxhokonxayo umoya wabo, baya kuyakha indlu kaYehova eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku iinkulu zezindlu zakwaJuda nakwaBhenjamin, ababingeleli, nabaLevi, naye wonke umntu ontliziyo ichukunyiswe nguThixo, balungiselela ukuya kwakha indlu kaNdikhoyo eJerusalem.