Ezra 10:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku xeshekweni ebetandazile u‐Ezera, naxeshekweni ebexele oku, elila eziwisa pantsi ngapambi kwayo indlu katixo, kwandul’ ukubutelana ngakuye ko‐Sirayeli intlanganiso enkulu kunene, amadoda, nabafazi, nabantwana: ngokuba abantu balila ngokulila okukulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku akuthandaza uEzra, akukuxela oku, elila, eziwisile phambi kwendlu kaThixo, kwabuthelana kuye kumaSirayeli ibandla elikhulu kakhulu lamadoda, nabafazi, nabantwana, ngokuba abantu batsho ngesililo esikhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku akuthandaza uEzra, akukuxela oku, walila, equbudile phambi kwendlu kaThixo, kwabuthelana kuye ibandla elikhulu kakhulu lamadoda, nabafazi, nabantwana, bevela kwaSirayeli; balila ngokukrakra abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngoku athandazayo uEzra evuma izono, elila egqusha phantsi phambi kwendlu kaThixo, kwabakho isihlwele samaSirayeli esaqokelelana kuye – amadoda, abafazi, nabantwana. Babelila ngokubindeka okukhulu.