Ezra 10:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa abantu baninzi, lixesha lezipango zemvula, akuko amandla okuma ngapandle; kananjalo lomsebenzi asingowemini nye, asingowemini mbini: ngokuba sigqitile ngento eninzi kulento.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kodwa abantu baninzi, yaye ilixesha lemvula, akunakumiwa phandle; lo msebenzi asingowemini enye, asingoweemini ezimbini;ngokuba sone kakhulu ngale nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa baninzi abantu, yaye ilixesha leemvula ezinkulu, yaye asinako ukuma ngaphandle, yaye asingomsebenzi wemini enye okanye ezimbini, ngenxa yokuba abaninzi bethu baye benza ubugwenxa ngalo mbandela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke sibaninzi gqitha apha, ibe ke ngoku lixesha lemvula; asinako ukuma apha phandle. Ngaphezu koko ke lo mbandela awunako ukugqitywa ngemini enye nezimbini, kuba ngenene sone sagqithisa kulo mbandela.