Ezra 10:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mazime inkosi zetu zentlanganiso yonke, bandul’ ukuti bonke abazekileyo abafazi bezinye intlanga ezixekweni zakowetu beze ngamaxesha amiselweyo, nakunye nabo abadala besixeko ngesixeko nabagwebi baso, kude kunqandwe kuti ubushushu bengqumbo katixo wetu ngenxa yalento.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abathetheli bethu ke mabalimele ibandla lonke; bathi bonke emizini yethu, abazeke abafazi bezinye iintlanga, beze ngamaxesha amisiweyo, benamadoda amakhulu emizi ngemizi, nabagwebi bayo, kude kubuyiswe kuthi ukuvutha komsindo woThixo wethu, isekho nje le nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mazime ke ngoko izikhulu zebandla lethu lonke, nabazeke abafazi bezinye iintlanga emizini yethu, ngamaxesha amisiweyo, namadoda amakhulu omzi ngamnye, nabagwebi bawo, ide ifike loo mzi uburhalarhume boThixo wethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amaphakathi ethu makamele ibandla lilonke. Kwiidolophu zethu wonke umntu othathe intombi yeentlanga makamiselwe ixesha, aze eze kunye namadoda amakhulu nabagwebi bedolophu nganye, ide le ngqumbo kaThixo wethu ngalo mbandela ibe nokususwa phezu kwethu.”