Ezra 10:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngu‐Jonatane unyana ka‐Hasaheli, no‐Yahaziya unyana ka‐Tikeva, abamela oku kwapela: kodwa u‐Meshulame, no‐Shabetai um‐Levi, babanceda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
NgooYonatan unyana ka-Asayeli, noYazeya unyana kaTikwa, bodwa abamelana nelo lizwi; ooMeshulam, noShabhetayi umLevi, bebancedisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
NguYonatan unyana ka-Asayeli, noYahasiya unyana kaTikiva, kuphela abalungisayo kuloo ndawo; uMeshulam noSabhetayi umLevi bayabanceda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku yaba nguJonatan unyana ka-Asayeli kunye noYazeya unyana kaTikwa, bexhaswa nguMeshulam noShabhetayi umLevi, abasichasayo eso sigqibo.