Ezra 10:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaye lusenje njalo usapo lwasekutinjweni. Kwaza kwahlulwa u‐Ezera umperisite, n abatile abazintloko zendlu zoyise, ngendlu zoyise zabo, bonke bebalulwe ngamagama, abahlala pantsi ngowokuqala umhla wenyanga leshumi ukuba kubuzwe lendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benjenjalo ke oonyana basemfudusweni. Kwahlulwa ooEzra umbingeleli, namadoda aziintloko zezindlu zooyise ngokwezindlu zooyise, bonke bephela, bebalulwe ngamagama, bahlala phantsi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi ukuyibuza le nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Benjenjalo oonyana bamabanjwa; Umbingeleli uEzra, iintloko zezindlu zooyise ngokweentsapho zooyise, bonke bephela ngamagama abo, bazinyula baze bahlale phantsi ukuze bahlolisise umcimbi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke abathinjwa abo benza ngokwezo zigqibo. Umbingeleli uEzra wanyula amadoda aziinkulu zemizi, yanye kumzi ngamnye, onke ke akhankanywa ngamagama. Ngomhla wokuqala kwinyanga yeshumi bahlala phantsi, benza uphando ngalo mbandela,