Ezra 10:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza banika izandla zabo ukuba bahlukane nabafazi babo; bati benetyala nje, banikela inkunzi yegusha yasemhlambini ngenxa yetyala labo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Banika isandla sabo, ukuba bobakhupha abafazi babo; bathi, benetyala nje, bakhuphe inkunzi yasempahleni emfutshane ngenxa yetyala labo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Banika izandla zabo ukuba baqhawule umtshato nabafazi babo; ngokuba bebenetyala, baxhela inkunzi yegusha ngenxa yobugwenxa babo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bona bathembisa ukuba bobagxotha abafazi, baza banikela ngenkunzi yebhokhwe ngenxa yetyala labo.