Ezra 10:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wapendula u‐Shekaniya unyana ka‐Yehili, owonyana baka‐Helami, wati ku‐Ezera: Tina senze ngobumenemene ngakuye utixo wetu, sasizekile abafazi bezinye intlanga kubo abantu belizwe: kodwa kaloku liseko itemba ko‐Sirayeli ngalento.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uShekaniya unyana kaYehiyeli, owoonyana bakaElam, wathi kuEzra, Senze ubumenemene kuThixo wethu, sazeka abafazi bezinye iintlanga ezizweni zelizwe eli; kodwa kusekho ithemba kumaSirayeli ngale nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uSheganiya unyana kaYehiyeli, owoonyana bakaElam, wathi kuEzra, Sonile kuThixo wethu, sazeka abafazi bezinye iintlanga ezizweni zeli hlabathi; Noko ke, kukho ithemba kwaSirayeli ngokuphathelele lo mbandela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uShekaniya unyana kaYehiyeli oyinzala kaElam wathetha noEzra, wathi: “Ngokuthatha abafazi kwiintlanga esimelene nazo sonile kuThixo wethu. Kodwa nakuba kunjalo lisekho ithemba ngoSirayeli.