Ezra 10:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aba bonke bebezekile abafazi bezinye intlanga: kwaye kuko pakati kwabo abanabafazi abebezalelwe abantwana ngabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abo babezeke abafazi bezinye iintlanga. Bekukho phakathi kwabo abafazi ababezele oonyana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke bazeka abafazi bezinye iintlanga, baza nabanye babo baba nabantwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke abo babethathe abafazi abaziintlanga. Kwaba bafazi bekukho ababezele oonyana.