Ezra 10:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Ezera wesuka kwa pambi kwayo indlu katixo, waya enkambilini ka‐Johanane unyana ka‐Eliyashibe: wati akufika kona, akasidla isonka, akawasela amanzi; ngokuba ebelilela ubumenemene babatinjwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uEzra phambi kwendlu kaThixo, wangena egumbini likaYohanan unyana kaEliyashibhi. Wathi akufika khona, akadla sonka, akasela manzi; ngokuba ubesenza isijwili ngenxa yobumenemene babo bafuduswayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uEzra wema phambi kwendlu yoTHIXO oyinyaniso waza wangena kwigumbi likaYohanan unyana kaEliyashibhi, wafika apho, akadla sonka okanye asele manzi; ngokuba wayebuhlungu ngenxa yobugwenxa babo bafuduswayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza uEzra waphuma endlwini kaThixo, waya endlwini kaYohanan unyana kaEliyashibhi. Ngoko alapho ke wayengatyi engaseli manzi, kuba esazilele ukunganyaniseki kwabathinjwa.