Ezra 10:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokuba lowa mntu osukuba engezi pakati kwemihla mitatu, njengecebo lenkosi nabadala, kwodliwa yonke impahla yake, ati yena ahlulwe entlanganisweni yabatinjwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bathi, bonke abathe abeza ngesithuba semihla emithathu, ngokwecebo labathetheli nelamadoda amakhulu, mayisingelwe phantsi yonke impahla yabo; ke bona ngokwabo bahlulwe nebandla lasemfudusweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
kuthi, osukuba engafika emva kwemihla emithathu, ngokwecebo labathetheli namadoda amakhulu, ithinjwe yonke impahla yakhe, ahlulwe ebandleni labathinjwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nabani na ongezanga kwithuba leentsuku ezintathu, kwathiwa uza kuthathelwa izinto anazo. Eso ke isisigqibo samaphakathi namadoda amakhulu; umntu onjalo ke wayeza kusikwa kwibandla labathinjwa.