Ezra 2:61 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakulo usapo lwabaperisite: onyana baka‐Habaya, onyana baka‐Kotse, onyana baka‐Barezilai, owazeka umfazi kwintombi zika‐Barezilai um‐Gileyadi, wabizwa ngegama lazo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke koonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotsi, oonyana bakaBharzilayi (owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo),
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Koonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaKeshe, oonyana bakaBharzilayi; owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kwinzala yababingeleli: inzala kaHabhaya, uHakozi, noBhazilayi (umfo owayethathe intombi kaBhazilayi umGiliyadi waza wabizwa ngaloo mlibo)