Ezra 3:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bahlabelelana ekumdumiseni nasekumbuleleni uyehova, besiti: Ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade pezu kwo‐Sirayeli. Bati abantu bonke bamemeza ngesimemezo esikulu, ekumdumiseni uyehova, ngenxa yokusekwa kwayo indlu kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Basusela ngokudumisa, nangokubulela kuYehova, besithi, Ulungile, inceba yakhe ingunaphakade kuSirayeli; ke bonke abantu baduma ngodumo olukhulu, bedumisa uYehova ngenxa yokusekwa kwendlu kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bavuma kunye bezohlwaya, bezohlwaya kuYehova; ngokuba elungile, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe kuSirayeli. Lwaduma ngodumo olukhulu lonke uhlanga, ekumdumiseni kwabo uYehova, ngenxa yokuba iziseko zendlu kaYehova zisekiwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bantyiloza bebonga bedumisa uNdikhoyo, besithi: “Hayi kambe ukulunga kwakhe! Izibele zakhe kuSirayeli zimi ngonaphakade.” Bonke ke abantu bahlokoma ngentswahla, bekhahlela kuNdikhoyo ngenxa yokumiswa kweziseko zendlu kaNdikhoyo.