Ezra 3:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wesuka u‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, nabazalwana bake abaperisite, no‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, nabazalwana bake, baye besaka isibingelo sotixo wo‐Sirayeli, kuze kunikelwe amadini okutshiswa pezu kwaso, njengokuba̔liweyo emtetweni ka‐Mosesi indoda katixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe ababingeleli, noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nabazalwana bakhe, basakha isibingelelo sikaThixo kaSirayeli, ukuba kunyuswe phezu kwaso amadini anyukayo, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses umfo wakwaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka wema ooYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe, ababingeleli, noZerubhabheli unyana kaSalatiyeli, nabazalwana bakhe, basakha isibingelelo soThixo kaSirayeli, ukuze benze amadini anyukayo phezu kwaso, njengoko wenzayo ebhalwe emthethweni kaYehova. uMoses umfo wakwaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYeshuwa unyana kaJozadaki nabantakwabo ababingeleli kunye noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli noogxa bakhe baqalisa ukwakha iqonga likaThixo kaSirayeli lokwenza amadini atshiswayo, ngokwamazwi abhalwe kumthetho kaMosis umfo wakwaThixo.