Ezra 3:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nasemva kwoko, idini lokutshiswa elifuti, nelenyanga ezitwasileyo, nelayo yonke imitendeleko emisiweyo kayehova ebingcwalisiwe, nelabo bonke abanikela ngokuvuma kuyehova umnikelo wesisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni kwawo benza idini elinyukayo lamaxesha onke, nawokuthwasa kwenyanga, nawamaxesha onke kaYehova angcwalisiweyo, amisiweyo, nawabo bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo kuYehova, iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko wenza umnikelo otshiswayo othe rhoqo, wokuthwasa kwenyanga nowawo wonke amatheko angcwele kaYehova nawo wonke umntu obingelela ngokuzithandela kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko banikela amadini atshiswayo amiselweyo: amadini okuthwasa kwenyanga, namadini amatheko kaNdikhoyo amiselweyo, kunye neminikelo yokuqhutywa yintliziyo kuNdikhoyo.