Ezra 3:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako banika imali kwincibi zamatye, nakwincibi zemiti; nokudla, nento yokusela, neoli, kwabase‐Tsidone, nakwabase‐Tire, ukuba basuse imiti yesedare e‐Lebanone bayise elwandle lwase‐Jopa, njengokuvunyelwa kwabo ngu‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imali bayinika abaqingqi nabakroli; banika amaTsidon namaTire ukudla, nento eselwayo, neoli, ukuba athabathe imisedare eLebhanon, ayizise ngolwandle eYafo, ngokuvunyelwa kwabo nguKoreshi ukumkani wasePersi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Imali bayinika abaqingqi bamatye nabachweli; nokudla nento eselwayo newayini kubantu baseTsidon nabaseTire, bathabathe imisedare eLebhanon, bayise elwandle lwaseYopa, ngokwesipho sikaKoreshi ukumkani wasePersi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke bakhupha imali, bayinika abaqingqi bamatye nabachweli. Bakhupha nokutya, into eselwayo, namafutha omnquma, banika abantu baseSidon nabaseTire, ukuze babathwalele izibonda zomsedare eLebhanon, bazifake elwandle, ziye eJopa, ngokomyalelo kakumkani uKoreshi wasePeshiya.