Ezra 3:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ngowesibini umnyaka emva kwokufika kwabo endlwini katixo e‐Yerusaleme, ngenyanga yesibini, baqala u‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, no‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, nesisalela sabazalwana babo, abaperisite naba‐Levi, nabo bonke abebevele ekutinjweni ukuza e‐Yerusaleme; bamisela aba‐Levi, abaminyaka yebudala imashumi mabini napezulu, ukwongama umsebenzi wayo indlu kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wesibini wokufika kwabo endlwini kaThixo eYerusalem, ngenyanga yesibini, baqala ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaTsadoki, nabanye abazalwana babo, ababingeleli, nabaLevi, nabo bonke ababephume ekuthinjweni ukuza eYerusalem, bamisa abaLevi, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kwenyusa, ukuba bawongamele umsebenzi wendlu kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngonyaka wesibini wokungena kwabo endlwini yoTHIXO oyinyaniso eYerusalem, ngenyanga yesibini, uZerubhabheli unyana kaShalatiyeli noYeshuwa unyana kaYosadaki abanye abazalwana babo, ababingeleli nabaLevi baqala ke bonke abo babephume ekuthinjweni beza eYerusalem; yaye wamisela abaLevi ukususela kwabaneminyaka engamashumi amabini ubudala ukusa phezulu ukuba benze umsebenzi wendlu kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenyanga yesibini kunyaka wesibini befikile endlwini kaThixo eJerusalem, uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, uYeshuwa unyana kaJozadaki, nabantakwabo ababingeleli nabaLevi, nabo bonke ababebuyele eJerusalem bephuma ekuthinjweni, bawuqalisa umsebenzi, bamisela abaLevi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu ukuba bavelele umsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo.