Ezra 3:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula ukusuka u‐Yoshuwa, onyana bake, nabazalwana bake, u‐Kadimele, nonyana bake, usapo luka‐Juda, kwa kunye, ukuba bongame abawenzayo umsebenzi endlwini katixo: onyana baka‐Henadade, onyana babo, nabazalwana babo, aba‐Levi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwema ooYeshuwa noonyana bakhe nabazalwana bakhe, uKademiyeli noonyana bakhe, oonyana bakaHodaviya, njengamntu mnye, ukubongamela abawenzayo umsebenzi endlwini kaThixo:oonyana bakaHenadade, oonyana babo nabazalwana babo, abaLevi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wema ke uYesu noonyana bakhe nabazalwana bakhe, uKademiyeli noonyana bakhe, oonyana bakaYuda, ukukhokela abasebenzi bendlu yoThixo oyinyaniso: oonyana bakaHenadadi noonyana babo nabazalwana babo, abaLevi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYeshuwa noonyana bakhe nabantakwabo, noKademiyeli noonyana bakhe (inzala kaJuda), noonyana bakaHenadadi, noonyana babo, nabantakwabo, bonke bengabaLevi, ewe, xa bebonke babejonge abasebenzi ababesakha indlu kaThixo.