Ezra 4:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze kufunwe encwadini yezikumbuzelo zoyihlo bako: uya kwandul’ ukufumana kuloncwadi yezikumbuzelo, wazi, ukuba esisixeko sisixeko esivukelayo, esenzela okumkani namazwana ukwonakala, nokuba kwenziwe imvukelo pakati kwaso kwa kudala: kukona ke kwacitakaliswa esisixeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze kuphicothwe encwadini yezikhumbuzo ezo zooyihlo, wazi ukuba lo mzi waba ngumzi ogwilikayo, owaxhwalekisa ookumkani namazwe, kwenziwa, isiphendu phakathi kwawo kwakudala, waba linxuwa lo mzi ngenxa yoko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze uphengululwe encwadini yemicimbi yooyihlo; niya kufumana encwadini yeZiganeko, nazi ukuba lo mzi ngumzi ozele lukreqo, uyingozi kookumkani bawo namazwe aso, nokuba bavuse imvukelo kuwo. Yini na ukuba lo mzi ubhubhe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
khon' ukuze kwenziwe uphando kumaxwebhu ashiywa ngabo bakwandulelayo. Apho kwezo ngcombolo ke uya kufumanisa ukuba esi sisixeko sabavukeli, abaphembeleli-dushe kookumkani nakumaphondo; kakade yayiyindawo yodushe kwamandulo. Kwakungenxa yaloo nto ukuze sitshatyalaliswe esi sixeko.