Ezra 4:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Siyamazisa ukumkani tina, ukuba, nxa esisixeko siya kubuya sakiwe, na nxa indonga zaso ziya kufezwa, wosel’ uti ngelituba ke ungabi nandawo ngelicala lomlambo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Siyamazisa ukumkani ukuba, xa uthe wakhiwa lo mzi, zafezwa neendonga zawo, wothi ngenxa yelo thuba ungabi nasabelo wena nganeno koMlambo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sithi kukumkani, ukuba uthe wakhiwa lo mzi, zamiswa neendonga zawo, anisayi kuba nasabelo njengalo nganeno komlambo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, siyakulumkisa, mhlekazi: ukuba sikhe sakhiwa esi sixeko, zavuswa neendonga zaso, wena uya kusala ungenanto apha kwelentshona ye-Efrati.”