Ezra 4:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
zandula zasondela ku‐Zerubabeli, nakwabazintloko zendlu zoyise, zati kubo: Masake kunye nani; ngokuba sifuna utixo wenu, njengani; sasibingele yena kuselokwemihla ka‐Esare‐hadoni ukumkani we‐Asiriya, owasinyusela apa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
beza kuZerubhabheli, nakwiintloko zezindlu zooyise, bathi kubo, Masakhe nani, ngokuba siquqela uThixo wenu njengani;sibingelela kuye kususela kwimihla kaEsar-hadon, ukumkani waseAsiriya, owasinyusela apha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza kuZerubhabheli nakwiintloko zezindlu zooyise, bathi kubo, Masakhe ndawonye nani, ngokuba simquqela uThixo wenu njengani; sibingelela kuye kususela kwimihla kaEsar-hadon, ukumkani waseAsiriya, owasizisa apha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
zasuka zeza kuZerubhabheli neenkulu zezindlu, zathi kubo: “Nathi sifuna ukunincedisa ekwakheni, kuba nathi kwanjengani siyamlangazelela lo Thixo wenu. Nangoku sasoloko simenzela amadini, kusukela kwixesha likakumkani waseAsiriya uEsaradon, lo wasizisa apha.”