Ezra 4:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kupani kaloku umteto wokuyekisa lamadoda, ukuba esisixeko singakiwa, lide ilizwi linikwe ndim.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wisani ngoko umthetho wokuba abanjezelwe loo madoda, loo mzi ungakhiwa, kude kuwiswe umthetho ndim.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yazisani ke ngoko, niwamise la madoda, ukuze singakhiwa esi sixeko, ndide ndikhuphe omnye umyalelo ophuma kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke wisani umyalelo abo bantu bawuyeke loo msebenzi, ukuze eso sixeko singakhiwa de mna ndikuyalele oko.