Ezra 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Zerubabeli, no‐Yoshuwa, nabanye abazintloko zendlu zoyise zo‐Sirayeli, bati kuzo: Aninto kuti nina ukuba niyake indlu kutixo wetu; sesiya kwakela uyehova, utixo wo‐Sirayeli, tina sodwa, njengokuba esiyalele ukumkani u‐Koreshe, ukumkani we‐Peresiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uZerubhabheli, noYeshuwa, nabanye abaziintloko zezindlu zooyise bakwaSirayeli kubo, Anithe ni nathi ekumakheleni uThixo wethu indlu; somakhela sedwa uYehova, uThixo wakwaSirayeli, njengoko wasiwisela umthetho ngako ukumkani onguKoreshi, ukumkani wasePersi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uZerubhabheli, noYoshuwa, neentloko zezindlu zooyise zakwaSirayeli kubo, Anithe nakazani nathi ekumakheleni uThixo wethu indlu; Thina siya kumakhela kunye uYehova, uThixo kaSirayeli, njengoko wasiwisela umthetho ngako uSireshi ukumkani wasePersi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uZerubhabheli noYeshuwa neenkulu zezindlu zikaSirayeli baphendula bathi: “Aninalo ilungelo lokwakhela uThixo wethu indlu. Sithi sodwa abaza kuyakha le ndlu kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ngokomyalelo kakumkani uKoreshi wasePeshiya.”