Ezra 5:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
BAZA abaprofite, u‐Hagai umprofite, no‐Zekariya unyana ka‐Hido, baprofitesha kuma‐Juda abekwa‐Juda nase‐Yerusaleme, egameni lotixo wo‐Sirayeli, kwa kuwo wona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku abaprofeti, ooHagayi umprofeti, noZekariya unyana kaIdo, baprofeta kumaYuda abekwaYuda neYerusalem, egameni likaThixo kaSirayeli obekubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku abaprofeti, ooHagayi umprofeti, noZekariya unyana kaIdo, baprofeta kumaYuda abekwaYuda neYerusalem, egameni likaThixo kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku umshumayeli uHagayi *nomshumayeli uZakariya umzukulwana kaIdo babeshumayela kwaJuda naseJerusalem egameni likaThixo kaSirayeli ophezu kwabo.