Ezra 5:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Benje nje ukusipendula kwabo, besiti: Sizizicaka zake utixo wezulu nomhlaba, siyayaka leyondlu ibe yakiwe kuse kuyiminyaka mininzi, owati ukumkani omkulu wo‐Sirayeli wayaka wayifeza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Enjenje ke ukusibuyisela impendulo, athi, Singabakhe, singabakhonzi bakaThixo wamazulu nehlabathi. Sakha le ndlu yakhiwayo iminyaka emininzi eyadlulayo, yakhiwa yafezwa ngukumkani omkhulu wakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Basiphendula, bathi, Singabakhonzi bakaThixo wezulu nomhlaba; sakha indlu eyayakhiwe kwiminyaka emininzi eyadlulayo, awayakhayo ukumkani omkhulu wakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Aphendula ngolu hlobo ke, athi: “ ‘Thina sizizicaka zikaThixo wezulu nehlabathi. Ngoku ke sivusa indlu eyayakhiwe kwiminyaka yamandulo – yayakhiwe yagqitywa yingangalala yokumkani wakwaSirayeli.