Ezra 5:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuloko emvenikweni obawo betu bebemqumbisile utixo wezulu, wabanikela esandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, um‐Kaledine, owacita leyondlu, nabantu wabafudusela e‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokokuba oobawo bamqumbisayo uThixo wamazulu, wabanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umKaledi.Yena wayichitha le ndlu, wabafudusela eBhabheli abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa emva kokuba oobawo bamqumbisayo uTHIXO wamazulu, babanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseKhaledi ukumkani waseBhabhiloni, owayitshabalalisayo le ndlu waza wathimbela abantu eBhabhiloni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke oobawo bamcaphukisa uThixo wezulu, waza wabanikela kuNebhukadenezare umKaledi, ukumkani waseBhabheli. Nguye ke owayidilizayo le ndlu, waza wabathimba abantu, wabasa eBhabheli.