Ezra 5:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wafika u‐Sheshebatsare lowo, wabeka amasekwa ayo indlu katixo ese‐Yerusaleme: ibisakiwa kuselokweloxesha kwada kwakaloku, kanti ayikagqitywanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza weza lo Sheshbhatsare, wazibeka iziseko zendlu kaThixo eseYerusalem; kususela kwelo xesha unangoku iyakhiwa;ayikagqitywa ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza weza lo Sheshbhatsare, wabeka isiseko sendlu kaThixo eYerusalem;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokunjalo ke uSheshbhazare lowo waza wafika wasimisa isiseko sendlu kaThixo apho eJerusalem. Ukusukela kuloo mini ke, kude kube namhlanje, yakhiwa okokoko, kodwa ayikagqitywa.