Ezra 5:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, ukuba kunga kulungile kukumkani, makufunwe endlwini yendyebo yokumkani, ese‐Babilone apo, ukuba kunjalo na okokuba kwanikwa umteto ngu‐Koreshe ukumkani, wokuba makwakiwe lendlu katixo e‐Yerusaleme; nentando yokumkani makayitume kuti ngale ndawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphicothwe endlwini yendyebo yokumkani, eseBhabheli apho, kukhangelwe ukuba kunjalo na, ukuba wawiswa na umthetho nguKoreshi ukumkani, wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo eYerusalem; kananjalo makuthunyelwe kuthi ukuthanda kokumkani ngale nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, ukuba kulungile kukumkani, makuphengululwe endlwini yobuncwane bokumkani eBhabhiloni, enoba ngumbandela kaKoreshi kusini na ukumkani wokunikela umyalelo wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo eYerusalem, ukumkani makasithumele ukuthanda kwakhe kulo mbandela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Ngoko ke, ukuba kukholekile kukumkani, makhe kwenziwe uphando kumaxwebhu eembali zekomkhulu laseBhabheli, ukuze kucace ukuba ukumkani uKoreshi ngenene wayewise umyalelo na wokuba mayivuswe indlu kaThixo eJerusalem. Kamva ke, mhlekazi, wosithumelela isigqibo sakho ngalo mbandela.’ ”