Ezra 5:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko kwesuka u‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, no‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, baqala ukuyaka indlu katixo ese‐Yerusaleme: kwabako nabo abaprofite bakatixo bebanceda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baza basuka ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabathetheli bakhe, ukuba bayakhe indlu kaThixo eYerusalem, abaprofeti bakaThixo bekubo bencedisana nabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko uZerubhabheli unyana kaShalatiyeli noYeshuwa unyana kaYotsadaki baphakama baza baqalisa ukwakha indlu kaThixo eYerusalem, yaye baba nabaprofeti bakaThixo ababebanceda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli noYeshuwa unyana kaJozadaki baphinda bawuqhubela phambili umsebenzi wokwakha indlu kaThixo eJerusalem. Babekunye nabashumayeli bakaThixo bebancedisa.