Ezra 5:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngeloxesha kweza kubo u‐Tatenai, inkosi yelicala lomlambo, no‐Shetari‐bozenai, nabalingane babo, batsho kubo ukuti: Ninikwe umteto ngubanina ukwaka indlu le nokufeza oludonga?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwangelo xesha, weza kubo uTatenayi, ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane babo, bathi kubo, Niwiselwe umthetho ngubani na ukuba niyakhe le ndlu, nilwenze olu donga?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha uTatenayi, irhuluneli engasentshona yoMlambo, noSetarbhosnayi namaqabane abo beza kubo baza bathi kubo: “Ngubani na oniyaleleyo ukuba nakhe le ndlu nize nakhe olo donga?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba ke uTatenayi umlawuli kwelentshona ye-Efrati, kunye noSheta-bhozenayi namahlakani abo, baya kubo, babuza bathi: “Nigunyaziswe ngubani ukuba niyakhe le ndlu, nisivuse esi sakhiwo?”