Ezra 5:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Makwazeke kukumkani, ukuba saya elizwaneni le‐Judeya, endlwini yake utixo omkulu, eyakiwa ngamatye amakulu, esel’ ifakiwe nemiti ezindongeni; kanjalo lomsebenzi uyenzwa ngokunxama, uhambiseka ezandleni zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makwazeke kukumkani, ukuba saya ezweni lakwaYuda, endlwini kaThixo omkhulu. Iyakhiwa ngamatye anzima, nemithi iyafakwa ezindongeni; lo msebenzi usetyenzwa ngenyameko, uyaphumelela ezandleni zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngamana iNkosi yazi ukuba sangena kummandla wakwaYuda, endlwini kaThixo omkhulu, eyakhiwe ngamatye amakhulu, yaxhonywa iindonga ezindongeni, yaye lo msebenzi uqhubeka ngokukhawuleza, yaye usaqhubeka abanempumelelo ezandleni zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Siyakwazisa, kumkani, ukuba sikhe satyelela isithili sakwaJuda nendlu yoThixo omkhulu. Phaya ke sifike abantu beyakha ngamatye amakhulu, bemisa namaplanga ezindongeni zayo. Umsebenzi lowo ke wenziwa ngengqiqo, waye uhambela phambili phantsi kwesikhokelo sabo.