Ezra 6:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ndiwenzile umteto, wokuba umntu osukuba eya kuliguqula elilizwi, maunyotulwe umti endlwini yake, umiswe ke, ati yena axo̔nywe pezu kwawo; nendlu yake mayenzwe imfumba yenkunkuma ngenxa yoku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiwisa umthetho wokuba bonke abantu abayijikayo loo nto, makuncothulwe umthi endlwini yabo, baxhonywe, babethelelwe kuwo, nendlu yabo yenziwe indawo yokuya endle, ngenxa yoko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo ndawisa umthetho wokuba nabani na othe waliguqula elo lizwi, makagawule umthi endlwini yakhe, awuxhome, axhonywe kuwo; nendlu yakhe mayenziwe udaka ngenxa yayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo ke ndiwisa umyalelo wokuba nabani na owujikayo lo mthetho, ze kuncothulwe umqadi endlwini yakhe, axhonywe abethelelwe kuwo, ke yona indlu yakhe yenziwe indawo yangasese ngenxa yelo tyala.