Ezra 6:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wanga utixo lowo ulenzileyo igama lake lihlale kona, angawisa pantsi bonke okumkani nabantu abaya kwolulela izandla zabo ukuyiguqula n okuyicita lendlu katixo ese‐Yerusaleme. Mna, Dariyusi, ndikupile umteto; makwenziwe ngawo ngokunxama ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UThixo, olibeke khona igama lakhe, makabakhahlele phantsi bonke ookumkani, nabantu, abolula izandla zabo, beyijika loo nto, ukuba bayitshabalalise le ndlu kaThixo eseYerusalem. Mna Dariyo ndiwise umthetho; mawenziwe ngenyameko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uThixo obeke igama lakhe apho uya kubatshabalalisa bonke ookumkani neentlanga eziya kuthabathekela kubo ukutshintsha nokutshabalalisa le ndlu kaThixo eYerusalem. Mna, Dariyo, ndikhuphe umyalelo; makwenziwe ngokukhawuleza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uThixo owamisa igama lakhe khona apho, ngamana wamkhiqa nawuphi na ukumkani naye nabani na ozama ukujika lo mthetho okanye ofuna ukutshabalalisa le ndlu kaThixo iseJerusalem. “ ‘Ndim mna Dariyo owisa lo myalelo. Ngoko ke mawufezekiswe ngentumekelelo.’ ”