Ezra 6:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko u‐Tatenai, inkosi yelicala lomlambo, n o‐Shetari‐bozenai, nabalingane babo, kwa njengoko u‐Dariyusi abetumile ngako, benje njalo ngokunxama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baza ooTatenayi ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane babo, ngenxa enokuba uDariyo ukumkani ethumile, benjenjalo ngenyameko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uTatenayi irhuluneli engaphaya koMlambo, uSetarbhosnayi namaqabane abo, benza ngokukhawuleza ngokomyalelo kaDariyo ukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ngenxa yaloo myalelo kakumkani uDariyo, uTatenayi umlawuli wakwelentshona ye-Efrati noSheta-bhozenayi kunye namahlakani abo bawufezekisa ngenyameko loo mthetho.